Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 5:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngobuqaqawuli obuza kutyhileka.

2. Walúseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela;

3. kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi.

4. Nòthi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.

5. Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.

6. Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.

7. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.

8. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 5