Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 4:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngaphezu kweento zonke ke, yibani nothandano olunyamekileyo, ngokuba uthando luya kugubungela inkitha yezono.

9. Bukanani, ningenakukrokra.

10. Yithini elowo, njengoko wasamkelayo isipho sokubabalwa, nilungiselelane ngaso, njengamagosa amahle obabalo ngobabalo lukaThixo.

11. Ukuba umntu uyathetha, makathethe ngokwezihlabo zikaThixo; ukuba umntu uyalungiselela, makalungiselele ngokwasekomeleleni akuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu, elulolwakhe uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

12. Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo okhoyo phakathi kwenu wokunilinga, ngathi nihlelwa yinto yokuthelwa nqa.

13. Yithini, njengoko ningamadlelane ngeentlungu zikaKristu, nivuye; ukuze, nasekutyhilekeni kobuqaqawuli bakhe, nivuye nigcoba.

14. Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo; ngokuba uMoya wozuko nokaThixo uphumle phezu kwenu; ngokukokwabo okunene uyanyeliswa, kodwa ngokukokwenu uyazukiswa.

15. Makungabikho ke bani kuni uva ubunzima ngokombulali, nangokwesela, nangokomenzi wobubi, nangokovelela izinto angatheni nazo.

16. Ukuba ke ubani uva ubunzima ngokuba engumKristu, makangadani; makamzukise ke uThixo ngaloo ndawo.

17. Ngokuba lixesha lokuba ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, koba yintoni na ukuphela kwabo bangàzivayo iindaba ezilungileyo zikaThixo?

18. Kanjalo ukuba nelungisa eli lisindiswa ngenkankulu, ongahloneli Thixo nongumoni woba phi na?

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 4