Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.

10. KubaLowo unga angathanda ubomi,Ayibone imihla elungileyo,Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini,Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;

11. Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;Makafune uxolo, aluphuthume.

12. Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.(INdum. 34:12-16)

13. Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?

14. Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.

15. INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;

16. ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.

17. Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi.

18. Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.

19. Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni,

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3