Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.

8. Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.

9. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.

10. KubaLowo unga angathanda ubomi,Ayibone imihla elungileyo,Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini,Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;

11. Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;Makafune uxolo, aluphuthume.

12. Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.(INdum. 34:12-16)

13. Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?

14. Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3