Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda;

6. njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nákuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.

7. Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.

8. Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.

9. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.

10. KubaLowo unga angathanda ubomi,Ayibone imihla elungileyo,Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini,Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3