Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.

5. Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda;

6. njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nákuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo.

7. Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.

8. Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele.

9. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.

10. KubaLowo unga angathanda ubomi,Ayibone imihla elungileyo,Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini,Nomlomo wakhe ungathethi inkohliso;

11. Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;Makafune uxolo, aluphuthume.

12. Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.(INdum. 34:12-16)

13. Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3