Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo;Makafune uxolo, aluphuthume.

12. Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa,Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo;Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.(INdum. 34:12-16)

13. Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?

14. Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.

15. INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;

16. ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3