Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 2:5-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.

6. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi,Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo;Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe.(UIsaya 28:16)

7. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo,

8. Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa,(INdum. 118:22)kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.

9. Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso;

10. enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.

11. Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.

12. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.

13. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo;

14. nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo.

15. Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba níthi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintswelikuqonda;

16. nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo.

17. Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni.

18. Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa.

19. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa.

20. Kuba kuya kuba ludumo luní na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 2