Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 2:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo;

14. nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo.

15. Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba níthi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintswelikuqonda;

16. nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakaThixo.

17. Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni.

18. Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa.

19. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa.

20. Kuba kuya kuba ludumo luní na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 2