Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 2:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoko, nílulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi,

2. walangazeleleni, ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo;

3. ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele.

4. Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa línyuliwe nguThixo, línqabile:

5. nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu.

6. Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi,Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo;Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe.(UIsaya 28:16)

7. Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo,Ilitye abalicekisáyo abakhi,Lelona laba yintloko yembombo,

8. Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa,(INdum. 118:22)kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona.

9. Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso;

10. enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba.

11. Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.

12. Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kuloo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa.

13. Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo;

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 2