Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 1:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.

17. Kanjalo, ukuba nimnqula ngokoYihlo, lowo ugweba ngokowalowo umsebenzi, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha nizoyikela;

18. nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinakonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo.

19. Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenabala;

20. owaziwáyo ngenxa engaphambili okunene, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, kodwa wabonakalaliswa ekugqibeleni kwamaxesha la ngenxa yenu, nina nikholwayo ngaye kuThixo,

21. owamvusayo kwabafileyo, wamzukisa, ngokokuze ukholo lwenu nethemba lenu libe kuThixo.

22. Niyenzé nyulu nje imiphefumlo yenu ngokuyilulamela inyaniso ngoMoya, kuse ekuthandeni abazalwana okungenaluhanahaniso, thandanani ngenyameko, ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo;

23. nizelwe nje ngokutsha, kungengokwasembewini enokonakala, kungokwasembewini engenakonakala, ngelizwi likaThixo eliphilileyo, elihleliyo ngonaphakade.

24. Ngenxa enokubaYonke inyama injengengca,Nabo bonke ubuqaqawuli bomntu bunjengentyantyambo yengca.Ingca iyoma, ivuthuluke nentyantyambo yayo;

25. Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade.(UIsaya 40:6,8)Elo ke leli lizwi lashunyayelwayo kuni ngeendaba ezilungileyo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 1