Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 1:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPetros, umpostile* kaYesu Kristu, ubhalela abanyuliweyo abangabaphambukeli kwiintsali ezikwelasePonto, kwelaseGalati, kwelaseKapadoki, kwelaseAsiya,

2. nakwelaseBhitini, abanyuliweyo ngokokwazi kwenxa engaphambili kukaThixo uYise, ebungcweleni boMoya, kuse ekululameleni nasekufefweni kwegazi likaYesu Kristu: uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo.

3. Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo;

4. sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini,

5. nina bàthe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela.

6. Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo;

7. ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.

8. Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo;

9. nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu.

10. Usindiso abathe babuzisa, baphengulula kunene ngalo abaprofeti, ababeprofeta ngalo ubabalo olwamiselwa nina;

11. bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela.

12. Abatyhilelwáyo ukuba àbazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke, izinto enizityelweyo ngoku ngabo banishumayezáyo iindaba ezilungileyo ngoMoya oyiNgcwele, owathunywa evela emazulwini; izinto ke ezo ezizinqwenelayo izithunywa zezulu ukuqondela kuzo.

13. Ngoko, bhinqani izinqe zengqondo yenu, ninobungcathu, niluthembe ngokugqibeleleyo ubabalo oluziswa kuni ekutyhilekeni kukaYesu Kristu;

14. ngokwabantwana bolulamo, ningamilisi okweenkanuko zangaphambili ekungazini kwenu;

15. nithi ke, ngokokwalowo ungcwele wanibizayo, nibe ngcwele nani ngokwenu kuyo yonke ihambo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 1