Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 8:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ndobazìsa, bahlale phakathi kweYerusalem, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa.

9. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla, ephuma emlonyeni wabaprofeti, ababekho mhlenikweni yasekwayo indlu kaYehova wemikosi, itempile, ukuze yakhiwe.

10. Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe.

11. Ngoku ke andiyi kuba njengokwemihla yamandulo kumasalela aba bantu; utsho uYehova wemikhosi.

12. Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlisè ilifa amasalela abantu.

13. Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndénjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.

14. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Njengoko ndankqangiyelayo ukwenza ububi kuni, oko ooyihlo bandenza ndaba noburhalarhume, utsho uYehova wemikhosi, andazohlwaya ke:

15. ngokunjalo ndibuye ndankqangiyela ngale mihla ukwenza okulungileyo kwiYerusalem, nakwindlu kaYuda; musani ukoyika.

16. Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu.

17. Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 8