Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 8:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe.

11. Ngoku ke andiyi kuba njengokwemihla yamandulo kumasalela aba bantu; utsho uYehova wemikhosi.

12. Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlisè ilifa amasalela abantu.

13. Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndénjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.

14. Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Njengoko ndankqangiyelayo ukwenza ububi kuni, oko ooyihlo bandenza ndaba noburhalarhume, utsho uYehova wemikhosi, andazohlwaya ke:

15. ngokunjalo ndibuye ndankqangiyela ngale mihla ukwenza okulungileyo kwiYerusalem, nakwindlu kaYuda; musani ukoyika.

16. Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu.

17. Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova.

18. Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 8