Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 6:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. abomvu àphuma, efuna ukulihambahamba ihlabathi. Sathi, Hambani, nilihambahambe ihlabathi. Alihambahamba ke ihlabathi.

8. Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.

9. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

10. Thabatha kwabasekuthinjweni, abazé khona bevela eBhabheli, kooHeledayi, nakooTobhiya, nakooYedaya, uye wena ngaloo mini endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya;

11. uthabathe isilivere negolide, wenze izithsaba, ubeke entloko kuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu.

12. Uze uthethe kuye uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Nantso indoda enguHlumelo, igama layo; iya kuhluma endaweni yayo, iyakhe itempile kaYehova.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 6