Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 6:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Saphendula ke isithunywa, sathi kum, Le yimimoya eminé esezulwini, ephuma yakuba ibizimisile ngakwiNkosi yehlabathi lonke.

6. Le inamahashe amnyama iphuma isiya ezweni langasentla; amhlophe aphumé elandela wona; aziingwevu ezibomvu aphumé esiya ezweni langasezantsi;

7. abomvu àphuma, efuna ukulihambahamba ihlabathi. Sathi, Hambani, nilihambahambe ihlabathi. Alihambahamba ke ihlabathi.

8. Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.

9. Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

10. Thabatha kwabasekuthinjweni, abazé khona bevela eBhabheli, kooHeledayi, nakooTobhiya, nakooYedaya, uye wena ngaloo mini endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya;

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 6