Baya kuza abakude bakhe etempileni kaYehova; názi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni; kuya kwenzeka ke, ukuba nithe naliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wenu.