5. Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.
6. Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa* leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.
7. Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.
8. Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.
9. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.
10. Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abayá?
11. Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.