Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 5:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.

6. Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa* leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.

7. Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.

8. Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.

9. Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.

10. Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abayá?

11. Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 5