Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 3:4-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwámbese ngezinqabileyo.

5. Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi.

6. Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,

7. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, wòyilawula wena indlu yam, wòzigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.

8. Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 3