Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 11:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.

13. Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingenganganí, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.

14. Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.

15. Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.

16. Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.

17. Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 11