Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 10:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingàbahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo; ndobaphendula.

7. Wóba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.

8. Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulúle ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako.

9. Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.

10. Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo.

11. UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke izizibà zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa.

12. Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 10