Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzekariya 1:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ooyihlo baphi na? nabaprofeti baya kudla ubomi ngonaphakade na?

6. Kodwa amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, ayibafumananga na ooyihlo? ukuze babuye bathi, Njengoko wakunkqangiyelayo uYehova ukuba akwenze kuthi, ngokweendlela zethu nangokweentlondi zethu, wenjénjalo kuthi.

7. Ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi,

8. Ndiboné ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile* ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe.

9. Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba.

10. Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi.

11. Basiphendula isithunywa sikaYehova ebesimi phakathi kwemimirtile, bathi, Silihambahambile ihlabathi, nalo lonke ihlabathi lihleli lizolile.

funda isahluko epheleleyo Uzekariya 1