Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzefaniya 3:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndizinqámle iintlanga, zichithakele iingqoqo zezindlu zazo. Ndizonakalisile izitrato zazo, ukuba kungabikho udlula ngazo; idilikile imizi yazo, ukuba kungabikho mntu, kungabikho umiyo kuyo.

7. Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho, lingànqanyulwa ikhaya lakho, njengako konke endakumisela khona; ke bavuka kusasa, bonakalise ngeentlondi zabo zonke.

8. Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibe yimini yokuvuka kwam, ndithimbe. Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam; kuba liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam lonke ihlabathi.

9. Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye.

10. Ziya kuthabathela phesheya kwemilambo yakwaKushi, zibazise abandithandayo, intombi yeentsali zam, bengumnikelo wam wokudla.

11. Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele.

12. Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzímela egameni likaYehova.

13. Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo.

funda isahluko epheleleyo Uzefaniya 3