Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzefaniya 1:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo;

6. nababuya umva kuYehova, nabangàmfunanga uYehova, abangàmquqelanga.

7. Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe.

8. Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga.

9. Ndobavelela ngaloo mini bonke abatsiba embundwini womnyango, abazalisa indlu yenkosi yabo ngogonyamelo nenkohliso.

10. Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, kuvele nokubhomboloza kwesesibini isahlulo somzi, kuvele ukuqhekeka okukhulu ezindulini.

11. Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere.

12. Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigquthagquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintsipheni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi.

13. Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo.

14. Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha.

funda isahluko epheleleyo Uzefaniya 1