Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzefaniya 1:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere.

12. Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigquthagquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintsipheni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi.

13. Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo.

14. Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha.

15. Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama;

16. yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude.

17. Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalàzwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo.

18. Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abènze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.

funda isahluko epheleleyo Uzefaniya 1