Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzefaniya 1:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya, ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda.

2. Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utsho uYehova.

3. Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova.

4. Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali,* negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli;

5. nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo;

6. nababuya umva kuYehova, nabangàmfunanga uYehova, abangàmquqelanga.

funda isahluko epheleleyo Uzefaniya 1