Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 3:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.

10. Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali;

11. oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova.

12. Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.

13. Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo.

14. Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 3