Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 3:4-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

5. Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zam ezintle ezinqwenelekayo, nazísa etempileni yenu;

6. nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan,* ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;

7. yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyìsele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

8. Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba úthethile uYehova.

9. Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.

10. Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali;

11. oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova.

12. Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.

13. Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo.

14. Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.

15. Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo.

16. UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli.

17. Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 3