Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 3:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.

13. Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo.

14. Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.

15. Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo.

16. UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli.

17. Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo.

18. Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo endlwini kaYehova, usèze isihlambo semingampunzi.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 3