Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem,

2. ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.

3. Abantu bam zibenzéle amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.

4. Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

5. Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zam ezintle ezinqwenelekayo, nazísa etempileni yenu;

6. nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan,* ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;

7. yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyìsele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.

8. Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba úthethile uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 3