Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 2:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu.

7. Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, àbaphambaphambi emendweni wabo.

8. Àbagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali.

9. Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela.

10. Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo.

11. UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?

12. Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela;

13. nikrazúle intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi.

14. Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu.

15. Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela.

16. Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyáyo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe.

17. Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda* nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Úphi na uThixo wabo?

18. Wába nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 2