Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 2:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono.

29. Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla.

30. Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi.

31. Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo.

32. Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 2