Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoweli 2:23-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni.

24. Zozala izandá yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela.

25. Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu.

26. Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade;

27. názi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangàdani abantu bam naphakade.

28. Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono.

29. Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla.

30. Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi.

funda isahluko epheleleyo Uyoweli 2