Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:9-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Bathi kuye, Bavela kwelikude kakhulu ilizwe abakhonzi bakho, ngenxa yegama likaYehova uThixo wakho; kuba siluvile udumo lwakhe, nento yonke awayenzayo eYiputa;

10. nento yonke awayenzayo kookumkani bobabini bama-Amori, ababephesheya kweYordan, kuSihon ukumkani waseHeshbhon, nakuOgi ukumkani waseBhashan obeseAshtaroti.

11. Atsho kuthi amadoda amakhulu, nabemi bonke belizwe lakowethu, ukuthi, Phathani ezandleni zenu umphako wendlela, niye kuwakhawulela, nithi kuwo, Singabakhonzi benu; simiseleni ngoko umnqophiso.

12. Esi sisonka sethu sasenza umphako wethu sishushu ezindlwini zethu, ngomhla wokuphuma kwethu ekhaya ukuza kuni; ngoku nasi somile, singundile;

13. iintsuba ezi zewayini sazizalisa zísentsha; nanzi zíkrazukile; nanzi neengubo zethu, neembadada zethu, zonakele ngobude bendlela.

14. Acaphula ke amadoda emphakweni wabo, akabuza cebo emlonyeni kaYehova.

15. Wenza uxolo nabo uYoshuwa, wabamisela umnqophiso wokubasindisa; zabafungela nezikhulu zalo ibandla.

16. Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo.

17. Banduluka oonyana bakaSirayeli, bafika emizini yabo ngomhla wesithathu. Imizi yabo yiGibheyon, neKefira, neBheroti, neKiriyati-yeharim.

18. Oonyana bakaSirayeli àbababulala, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla.

19. Zathi zonke izikhulu kwibandla lonke, Thina sifungé uYehova uThixo kaSirayeli kubo, ke ngoko asinakubachukumisa.

20. Masenjenje kubo: masibasindise, kungabikho burhalarhume phezu kwethu ngenxa yesifungo esabafungela sona.

21. Zathi izikhulu kubo, Mabadle ubomi; mababe ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi bebandla lonke; njengoko zathethayo izikhulu kubo.

22. Wababiza ke uYoshuwa, wathetha kubo, esithi, Nisikhohliseleni na, nisithi, Simgama kakhulu kuni; kanti nihleli kwaphakathi kwethu?

23. Niqalekisiwe ngoko; kuni akuyi kunqumka bakhonzi, bathezi beenkuni, bakhi bamanzi bendlu kaThixo wam.

24. Baphendula bathi kuYoshuwa, Baxelelwa ngokuqinisekileyo abakhonzi bakho, okokuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba úya kuninika lonke ilizwe, nokuba úya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe ebusweni benu; sayoyikela kunene ke imiphefumlo yethu ebusweni benu, senza le nto ke.

25. Kalokunje nanku sisesandleni sakho; yenza njengoko kulungileyo, njengoko kuthe tye emehlweni akho ukwenza kuthi.

26. Wenjenjalo ke kubo, wabahlangula esandleni soonyana bakaSirayeli, àbababulala.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9