Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:16-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Kwathi, ekupheleni kwemihla emithathu emveni kokuba bebamisele umnqophiso, beva ukuba bakufuphi kubo, nokuba bahleli kwaphakathi kwabo.

17. Banduluka oonyana bakaSirayeli, bafika emizini yabo ngomhla wesithathu. Imizi yabo yiGibheyon, neKefira, neBheroti, neKiriyati-yeharim.

18. Oonyana bakaSirayeli àbababulala, ngokuba izikhulu zebandla zibe zifunge uYehova uThixo kaSirayeli kubo. Lazikrokrela izikhulu lonke ibandla.

19. Zathi zonke izikhulu kwibandla lonke, Thina sifungé uYehova uThixo kaSirayeli kubo, ke ngoko asinakubachukumisa.

20. Masenjenje kubo: masibasindise, kungabikho burhalarhume phezu kwethu ngenxa yesifungo esabafungela sona.

21. Zathi izikhulu kubo, Mabadle ubomi; mababe ngabathezi beenkuni nabakhi bamanzi bebandla lonke; njengoko zathethayo izikhulu kubo.

22. Wababiza ke uYoshuwa, wathetha kubo, esithi, Nisikhohliseleni na, nisithi, Simgama kakhulu kuni; kanti nihleli kwaphakathi kwethu?

23. Niqalekisiwe ngoko; kuni akuyi kunqumka bakhonzi, bathezi beenkuni, bakhi bamanzi bendlu kaThixo wam.

24. Baphendula bathi kuYoshuwa, Baxelelwa ngokuqinisekileyo abakhonzi bakho, okokuba uYehova uThixo wakho wamwisela uMoses umkhonzi wakhe umthetho, ukuba úya kuninika lonke ilizwe, nokuba úya kubatshabalalisa bonke abemi belizwe ebusweni benu; sayoyikela kunene ke imiphefumlo yethu ebusweni benu, senza le nto ke.

25. Kalokunje nanku sisesandleni sakho; yenza njengoko kulungileyo, njengoko kuthe tye emehlweni akho ukwenza kuthi.

26. Wenjenjalo ke kubo, wabahlangula esandleni soonyana bakaSirayeli, àbababulala.

27. UYoshuwa wabenza ngaloo mini abathezi beenkuni nabakhi bamanzi, ebandleni nasesibingelelweni sikaYehova, unanamhla, kuloo ndawo athe wayinyula.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9