Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, bakuva bonke ookumkani abanganeno kweYordan ezintabeni, nasezihlanjeni, nangaselwandle lonke olukhulu, kwasingisa eLebhanon, amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi,

2. namaHivi, namaYebhusi, babuthelana ndawonye, ukuba balwe ngamxhelo mnye noYoshuwa namaSirayeli.

3. Ke abemi baseGibheyon beva oko akwenzileyo uYoshuwa kwiYeriko, nakwiAyi,

4. benza nabo ngobuqhophololo. Baya bazenza izigidimi, babeka iingxowa ezonakeleyo emaesileni abo, neentsuba zewayini ezonakeleyo, ezikrazukileyo, ezibotshiweyo,

5. neembadada ezonakeleyo, ezixoliweyo, ezinyaweni zabo; bambatha neengubo ezonakeleyo; nesonka sonke somphako wabo besomile, besingundile kunene.

6. Beza kuYoshuwa emkhosini eGiligali, bathi kuye nakumadoda akwaSirayeli, Sivela ezweni elikude; simiseleni ngoko umnqophiso.

7. Athi amadoda akwaSirayeli kumaHivi lawo, Hi, kanti nikwahleli phakathi kwethu; sòthini na ukunimisela umnqophiso?

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9