Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Wawasusa ke uYoshuwa; aya kulalela, ahlala phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga eAyi; uYoshuwa walala phakathi kwabantu ngobo busuku.

10. Wavuka kusasa ngengomso uYoshuwa, wabahlela abantu, wenyuka, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli phambi kwabantu, waya eAyi.

11. Bonke abantu bokulwa ababenaye benyuka, basondela, beza phambi komzi, bamisa ngasentla kweAyi; kwabakho umfula phakathi kwabo neAyi.

12. Wathabatha amadoda amayela kumawaka amahlanu, wawabeka ekulaleleni phakathi kweBheteli neAyi, ngasentshonalanga komzi.

13. Abantu babeyimisile yonke impi ebingasentla komzi, nabalaleli bayo ngasentshonalanga komzi. UYoshuwa wacanda phakathi komfula ngobo busuku.

14. Kwathi, akubona ukumkani waseAyi, amadoda aloo mzi angxama, avuka kwakusasa, aphuma eya kuhlangabeza amaSirayeli ukuba kuliwe, yena nabantu bakhe bonke, endaweni emisiweyo phambi kweArabha. Ebengazi ke yena ukuba kulalelwe emva komzi.

15. UYoshuwa namaSirayeli onke bazenza aboyisiweyo phambi kwabo, barhola ngendlela yasentlango.

16. Bahlatyelwa umkhosi bonke abantu abakuloo mzi ukuba babasukele. Bamsukela ke uYoshuwa, baqhiwukana nomzi wabo.

17. Akwasala nanye indoda eAyi naseBheteli, engaphumanga iwalandele amaSirayeli; bawushiya umzi uvulekile, bawasukela amaSirayeli.

18. Wathi uYehova kuYoshuwa, wólule umkhonto osesandleni sakho ngakwiAyi; kuba ndiya kuyinikela esandleni sakho. Wawolula ke uYoshuwa umkhonto osesandleni sakhe ngakuwo umzi.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8