Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 7:8-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Camagu, Nkosi yam, ndiya kuthini na emveni kokuba amaSirayeli ezinikele ikhosi iintshaba zawo!

9. Aya kuva amaKanan, nabemi bonke belizwe, asirhawule, alicime igama lethu ehlabathini. Wénze ntoni na ke kwigama lakho elikhulu?

10. Wathi uYehova kuYoshuwa, Vuka! Ùweleni na ngobuso?

11. Onile amaSirayeli; ewe, awugqithile umnqophiso wam endawawisela umthetho ngawo; ewe, athabathile entweni esingelwe phantsi; ebile, akhanyele, ewe, ayibeké ezimpahleni zawo.

12. Ababa nako ke oonyana bakaSirayeli ukuma phambi kweentshaba zabo, bazinikela ikhosi iintshaba zabo, ngokuba bebeyinto esingelwe phantsi. Andiyi kuphinda ndibe nani, ukuba ayithanga itshatyalaliswe into esingelwe phantsi phakathi kwenu.

13. Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.

14. Ize nisondele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;

15. ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenzé ubudenge kwaSirayeli.

16. Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso, wawasondeza amaSirayeli ngokwezizwe zawo, kwacishwa isizwe sakwaYuda;

17. wayisondeza imizalwane yakwaYuda, kwacishwa umzalwane wakwaZera; wawusondeza umzalwane wakwaZera ngokwamadoda awo, kwacishwa uZabhedi;

18. wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.

19. Wathi uYoshuwa kuAkan, Nyana wam, mzukise uYehova uThixo kaSirayeli, umdumise; khawundixelele into oyenzileyo; musa ukukhanyela kum.

20. UAkan wamphendula uYoshuwa, wathi, Okunene ndonile kuYehova uThixo kaSirayeli, ndenjenje, ndenjenje:

21. ndabona emaxhobeni ingubo enkulu entle yaseShinare yanye, neeshekele* zesilivere zaba makhulu mabini, nesinqumka segolide sasinye esiziishekele ezimashumi mahlanu ubunzima baso; ndazinqwenela, ndazithabatha; nanzo zimbelwe emhlabeni phakathi kwentente yam, isilivere ingaphantsi.

22. Wathuma uYoshuwa abathunywa; bagidima baya ententeni; nanzo zimbelwe ententeni yakhe, isilivere ingaphantsi.

23. Bazithabatha phantsi kwentente, bazisa kuYoshuwa, nakoonyana bakaSirayeli bonke; bazikhuphela phambi koYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 7