Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 7:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.

19. Wathi uYoshuwa kuAkan, Nyana wam, mzukise uYehova uThixo kaSirayeli, umdumise; khawundixelele into oyenzileyo; musa ukukhanyela kum.

20. UAkan wamphendula uYoshuwa, wathi, Okunene ndonile kuYehova uThixo kaSirayeli, ndenjenje, ndenjenje:

21. ndabona emaxhobeni ingubo enkulu entle yaseShinare yanye, neeshekele* zesilivere zaba makhulu mabini, nesinqumka segolide sasinye esiziishekele ezimashumi mahlanu ubunzima baso; ndazinqwenela, ndazithabatha; nanzo zimbelwe emhlabeni phakathi kwentente yam, isilivere ingaphantsi.

22. Wathuma uYoshuwa abathunywa; bagidima baya ententeni; nanzo zimbelwe ententeni yakhe, isilivere ingaphantsi.

23. Bazithabatha phantsi kwentente, bazisa kuYoshuwa, nakoonyana bakaSirayeli bonke; bazikhuphela phambi koYehova.

24. UYoshuwa enamaSirayeli onke, wamthabatha uAkan unyana kaZera, nesilivere, nengubo enkulu, nesinqumka segolide, noonyana bakhe, neentombi zakhe, neenkomo zakhe, namaesile akhe, nempahla yakhe emfutshane, nentente yakhe, nezinto zonke anazo, bazisa entilini yeAkore.

25. Wathi uYoshuwa, Azi, ùsihlisele ishwangusha! Namhla uYehova uya kukuhlisela ishwangusha. Onke amaSirayeli amxuluba ke ngamatye, azitshisa ezo nto ngomlilo.

26. Aphosa amatye phezu kwazo. Amisa phezu kwakhe imfumba enkulu yamatye, ekhoyo unanamhla. Wabuya ke uYehova ekuvutheni komsindo wakhe. Kungoko kwathiwa igama laloo ndawo yintili yeAkore* unanamhla.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 7