Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 7:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi uYehova kuYoshuwa, Vuka! Ùweleni na ngobuso?

11. Onile amaSirayeli; ewe, awugqithile umnqophiso wam endawawisela umthetho ngawo; ewe, athabathile entweni esingelwe phantsi; ebile, akhanyele, ewe, ayibeké ezimpahleni zawo.

12. Ababa nako ke oonyana bakaSirayeli ukuma phambi kweentshaba zabo, bazinikela ikhosi iintshaba zabo, ngokuba bebeyinto esingelwe phantsi. Andiyi kuphinda ndibe nani, ukuba ayithanga itshatyalaliswe into esingelwe phantsi phakathi kwenu.

13. Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.

14. Ize nisondele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;

15. ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenzé ubudenge kwaSirayeli.

16. Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso, wawasondeza amaSirayeli ngokwezizwe zawo, kwacishwa isizwe sakwaYuda;

17. wayisondeza imizalwane yakwaYuda, kwacishwa umzalwane wakwaZera; wawusondeza umzalwane wakwaZera ngokwamadoda awo, kwacishwa uZabhedi;

18. wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 7