Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 6:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. UYoshuwa wayeselethe kumadoda amabini abelihlolile ilizwe, Yiyani kwindlu yenkazana leya ilihenyukazi, niyikhuphe khona loo nkazana nento yonke enayo, njengoko nayifungelayo.

23. Abengenile ke amadodana aziintlola, amkhupha uRahabhi, noyise, nonina, nabanakwabo, nabo bonke abenabo; nemizalwane yakhe yonke bayikhupha, bayibeka ngaphandle kweminquba yakwaSirayeli.

24. Bawutshisa umzi ngomlilo, neento zonke ezikuwo; kodwa isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, bayibeka ebuncwaneni bendlu kaYehova.

25. Ke uRahabhi, ihenyukazi, nendlu kayise, nabo bonke abenabo, uYoshuwa wamsindisa; wahlala phakathi kwamaSirayeli unanamhla; ngokuba wabazimezayo abathunywa, abebathumile uYoshuwa ukuba bayihlole iYeriko.

26. Wafunga uYoshuwa ngelo xesha, esithi, Uqalekisiwe phambi koYehova umntu oya kusuka awakhe lo mzi, iYeriko le; wówuseka ngowamazibulo akhe, azimise iingcango zawo ngowamathumbu akhe.

27. UYehova waba noYoshuwa; udumo lwakhe lwaba sezweni lonke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 6