Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 6:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. UYoshuwa wavuka kwakusasa ngengomso; bayithwala ababingeleli ityeya kaYehova.

13. Ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova, bamana behamba, bevuthela ngezigodlo, bequpha; nabaxhobileyo behamba phambi kwabo; nabasemva belandela ityeya kaYehova, kuhanjwa kuvuthelwa ngezigodlo kuqutshwa.

14. Bawujikeleza umzi ngomhla wesibini isihlandlo sasinye, babuyela eminqubeni. Benjenjalo ke imihla yamithandathu.

15. Kwathi ngomhla wesixhenxe, bavuka kusasa ngesifingo, bawujikeleza umzi kwangolo hlobo izihlandlo zasixhenxe; kungaloo mini yodwa abawujikelezayo umzi izihlandlo zasixhenxe.

16. Kwathi ngesihlandlo sesixhenxe, ababingeleli ukuvuthela ngezigodlo baqupha.Wathi ke uYoshuwa ebantwini, Dumani, kuba uYehova uninikile lo mzi.

17. Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo.

18. Kodwa ke zigcineni entweni esingelwe phantsi, hleze nani nizisingele phantsi ngokuthabatha entweni esingelwe phantsi, niwenze umzi wakwaSirayeli ube yinto esingelwe phantsi, niwuhlisele ishwangusha.

19. Ke yona yonke isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, iyingcwele kuYehova; yongena ebuncwaneni bukaYehova.

20. Baduma ke abantu ukuvuthela ngezigodlo bequpha; kwathi, bakusiva abantu isandi sesigodlo, baduma abantu ngokuduma okukhulu, lwawa udonga lwathi bhuma. Benyuka abantu kuwo umzi, elowo wathi ngqo, bawuthimba umzi.

21. Bazisingela phantsi ngohlangothi lwekrele zonke izinto ezikuloo mzi, bethabathela kwindoda besa kumfazi, bethabathela kwindodana besa kwixhego, besa nakwinkomo, nakwimpahla emfutshane, nakwiesile.

22. UYoshuwa wayeselethe kumadoda amabini abelihlolile ilizwe, Yiyani kwindlu yenkazana leya ilihenyukazi, niyikhuphe khona loo nkazana nento yonke enayo, njengoko nayifungelayo.

23. Abengenile ke amadodana aziintlola, amkhupha uRahabhi, noyise, nonina, nabanakwabo, nabo bonke abenabo; nemizalwane yakhe yonke bayikhupha, bayibeka ngaphandle kweminquba yakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 6