Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 6:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. UYoshuwa wabawisela umthetho abantu, wathi, Ize ningadumi, ningalivakalisi ilizwi lenu, kungaphumi nto emlonyeni wenu, kude kube yimini endothi kuni, Dumani; nidume ke.

11. Ityeya ke kaYehova yawujikeleza umzi, yawuzunguleza isihlandlo sasinye; bangena eminqubeni, balala eminqubeni.

12. UYoshuwa wavuka kwakusasa ngengomso; bayithwala ababingeleli ityeya kaYehova.

13. Ababingeleli abasixhenxe, abaphethe izigodlo ezisixhenxe zokuhlaba umkhosi phambi kwetyeya kaYehova, bamana behamba, bevuthela ngezigodlo, bequpha; nabaxhobileyo behamba phambi kwabo; nabasemva belandela ityeya kaYehova, kuhanjwa kuvuthelwa ngezigodlo kuqutshwa.

14. Bawujikeleza umzi ngomhla wesibini isihlandlo sasinye, babuyela eminqubeni. Benjenjalo ke imihla yamithandathu.

15. Kwathi ngomhla wesixhenxe, bavuka kusasa ngesifingo, bawujikeleza umzi kwangolo hlobo izihlandlo zasixhenxe; kungaloo mini yodwa abawujikelezayo umzi izihlandlo zasixhenxe.

16. Kwathi ngesihlandlo sesixhenxe, ababingeleli ukuvuthela ngezigodlo baqupha.Wathi ke uYoshuwa ebantwini, Dumani, kuba uYehova uninikile lo mzi.

17. Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo; kuphela nguRahabhi ihenyukazi yedwa owodla ubomi, yena nento yonke ekuye endlwini yakhe; ngokuba wabazimeza abathunywa esabathumayo.

18. Kodwa ke zigcineni entweni esingelwe phantsi, hleze nani nizisingele phantsi ngokuthabatha entweni esingelwe phantsi, niwenze umzi wakwaSirayeli ube yinto esingelwe phantsi, niwuhlisele ishwangusha.

19. Ke yona yonke isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, iyingcwele kuYehova; yongena ebuncwaneni bukaYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 6