Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Zithabatheleni ebantwini amadoda abe lishumi elinamabini, indoda ibe nye, indoda ibe nye esizweni;

3. niwawisele umthetho, nithi, Thabathani apha phakathi kweYordan, kule ndawo zimi kuyo iinyawo zababingeleli, amatye okumiswa abe lishumi elinamabini, niwele nawo, niwabeke kuloo ndawo yokulalisa, niya kulalisa kuyo ngobu busuku.

4. Wawabiza ke uYoshuwa amadoda alishumi elinamabini, abewamisile koonyana bakaSirayeli, indoda yanye, indoda yanye esizweni.

5. Wathi uYoshuwa kuwo, Gqithani phambi kwetyeya kaYehova uThixo wenu, niye eYordan phakathi, nithabathe iyileyo indoda ilitye libe linye, ilibeke egxalabeni layo, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli;

6. ukuze oku kube ngumqondiso phakathi kwenu, xa bathe banibuza oonyana benu ngexesha elizayo, besithi, Ayintoni na la matye kuni?

7. Nòthi kubo, Amanzi eYordan anqamka phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, ekuweleni kwayo eYordan anqamka amanzi eYordan; la matye oba sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

8. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, njengoko uYoshuwa wayebawisele umthetho. Bathabatha amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, njengoko wathethayo uYehova kuYoshuwa, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli, bawela nawo, baya nawo kuloo ndawo balalisa kuyo, bawabeka khona.

9. UYoshuwa wawamisa amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, kuloo ndawo zazimi kuyo iinyawo zababingeleli, abathwele ityeya yomnqophiso; akhona unanamhla.

10. Ke ababingeleli ababethwele ityeya bema eYordan phakathi, ada agqitywa onke amazwi uYehova awamwisela umthetho uYoshuwa ukuba awathethe ebantwini, ngokwento yonke uMoses abemwisele umthetho ngayo uYoshuwa.

11. Bakhawuleza abantu, bawela. Kwathi, bakugqiba bonke abantu ukuwela, yegqitha ityeya kaYehova nababingeleli phambi kwabantu.

12. Bawela oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bexhobile, phambi koonyana bakaSirayeli, njengoko wathethayo uMoses kubo.

13. Ngathi babengamashumi amané amawaka axhobele ukuphuma umkhosi, abaweláyo phambi koYehova, besiya emfazweni, ezinkqantosini zaseYeriko.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4