Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi ke, xa lwagqibelayo uhlanga lonke ukuyiwela iYordan, wathetha uYehova kuYoshuwa, esithi,

2. Zithabatheleni ebantwini amadoda abe lishumi elinamabini, indoda ibe nye, indoda ibe nye esizweni;

3. niwawisele umthetho, nithi, Thabathani apha phakathi kweYordan, kule ndawo zimi kuyo iinyawo zababingeleli, amatye okumiswa abe lishumi elinamabini, niwele nawo, niwabeke kuloo ndawo yokulalisa, niya kulalisa kuyo ngobu busuku.

4. Wawabiza ke uYoshuwa amadoda alishumi elinamabini, abewamisile koonyana bakaSirayeli, indoda yanye, indoda yanye esizweni.

5. Wathi uYoshuwa kuwo, Gqithani phambi kwetyeya kaYehova uThixo wenu, niye eYordan phakathi, nithabathe iyileyo indoda ilitye libe linye, ilibeke egxalabeni layo, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli;

6. ukuze oku kube ngumqondiso phakathi kwenu, xa bathe banibuza oonyana benu ngexesha elizayo, besithi, Ayintoni na la matye kuni?

7. Nòthi kubo, Amanzi eYordan anqamka phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, ekuweleni kwayo eYordan anqamka amanzi eYordan; la matye oba sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

8. Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, njengoko uYoshuwa wayebawisele umthetho. Bathabatha amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, njengoko wathethayo uYehova kuYoshuwa, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli, bawela nawo, baya nawo kuloo ndawo balalisa kuyo, bawabeka khona.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4