Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 24:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ndamthabatha uyihlo uAbraham phesheya koMlambo, ndamhambisa ezweni lonke lakwaKanan, ndayandisa imbewu yakhe, ndamnika uIsake.

4. UIsake ndamnika uYakobi noEsawu; uEsawu ndamnika iintaba zakwaSehire, ukuba azimé; ke uYakobi noonyana bakhe behla baya eYiputa.

5. Ndathuma uMoses noAron, ndayihlisela izibetho iYiputa, njengoko ndenzayo phakathi kwayo; emveni koko ndanikhupha.

6. Ndabakhupha ooyihlo eYiputa, nafika elwandle; amaYiputa abasukela ooyihlo ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe, beza kuLwandle oluBomvu.*

7. Bakhala kuYehova; wabeka isithokothoko phakathi kwenu namaYiputa, wawazisela ulwandle, wawagubungela; amehlo enu akubona oko ndakwenzayo eYiputa.Nahlala entlango imihla emininzi.

8. Ndaningenisa ezweni lama-Amori, abehleli phesheya kweYordan, alwa nani; ndawanikela esandleni senu, nalihlutha ilizwe lawo; ndawatshabalalisa phambi kwenu.

9. Wesuka uBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, walwa namaSirayeli; wathuma, wabiza uBhileham unyana kaBhehore, ukuba aniqalekise.

10. Andavuma ukumphulaphula uBhileham; wanisikelela, akayeka, ndanihlangula esandleni sakhe.

11. Nayiwela iYordan, nafika eYeriko; balwa nani abemi baseYeriko, ama-Amori, namaPerizi, namaKanan, namaHeti, namaGirgashi, namaHivi, namaYebhusi, ndabanikela esandleni senu.

12. Ndathuma oonomeva phambi kwenu, babagxotha phambi kwenu ookumkani ababini bama-Amori, kungengakrele lakho, kungengasaphetha sakho.

13. Ndaninika ilizwe eningaxhamlekanga ngalo, nemizi eningayakhanga, nahlala ke kuyo; nezidiliya, nezinquma eningazityalanga niyazidla ke.

14. Moyikeni ke ngoko uYehova, nimkhonze ngokugqibeleleyo, nangenyaniso. Susani oothixo, ababekhonza bona ooyihlo phesheya koMlambo, naseYiputa, nimkhonze ke uYehova.

15. Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uYehova, zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza; nokuba ngoothixo ababekhonza bona ooyihlo, ababephesheya koMlambo, nokuba ngoothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 24