Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:19-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Inene, ukuba nithi liyinqambi ilizwe lelifa lenu, welani nize ezweni lelifa likaYehova, apho umnquba kaYehova ukhona, nime phakathi kwethu. Ke musani ukugwilika kuYehova, musani ukugwilika kuthi ngokuzakhela isibingelelo esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu.

20. Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe.

21. Baphendula oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, bathetha neentloko zamawaka akwaSirayeli, bathi,

22. UThixo, uThixo uYehova, uThixo, uThixo uYehova, uyazi, amaSirayeli ayakwazi, ukuba oko kwenziwe ngokugwilika na, nangokumeneza kuYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22