Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. elizweni laseGiliyadi, enezikhulu ezilishumi, sasinye isikhulu, sasinye isikhulu endlwini yooyise ezizweni zonke zakwaSirayeli, zingamadoda aziintloko zezindlu zooyise emawakeni akwaSirayeli.

15. Baya ke koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase, ezweni laseGiliyadi; bathetha kubo, besithi,

16. Litsho lonke ibandla likaYehova, ukuthi, Bubumenemene buni na obu nimeneza ngabo kuThixo kaSirayeli, nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova, ngokuzakhela isibingelelo, ukuba nigwilike kuYehova namhla?

17. Yinto encinane na kuthi ubugwenxa bukaPehore, esingekazihlambululi kubo unanamhla, saza isibetho saba sebandleni likaYehova,

18. nina nibuya nje namhla ekumlandeleni uYehova? Kothi, nigwilike kuYehova nina namhla, ngomso abe noburhalarhume yena kwibandla lonke lakwaSirayeli.

19. Inene, ukuba nithi liyinqambi ilizwe lelifa lenu, welani nize ezweni lelifa likaYehova, apho umnquba kaYehova ukhona, nime phakathi kwethu. Ke musani ukugwilika kuYehova, musani ukugwilika kuthi ngokuzakhela isibingelelo esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu.

20. Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe.

21. Baphendula oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe soonyana bakaManase, bathetha neentloko zamawaka akwaSirayeli, bathi,

22. UThixo, uThixo uYehova, uThixo, uThixo uYehova, uyazi, amaSirayeli ayakwazi, ukuba oko kwenziwe ngokugwilika na, nangokumeneza kuYehova.

23. Ùze ungàsisindisi namhlanje, ukuba sizakhéle isibingelelo sokusibuyisa ekulandeleni uYehova, nokuba sinyusa phezu kwaso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nokuba senzele phezu kwaso imibingelelo yoxolo: uYehova ngokwakhe makakubuze oko.

24. Inene, siyenze le nto ngesithukuthezi, ngethuba lokuthi, Ngexesha elizayo bothi oonyana benu koonyana bethu, Yintoni na enani noYehova, uThixo kaSirayeli?

25. UYehova umise umda oyiYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen, nyana bakaGadi; aninasabelo kuYehova nina: oonyana benu bénze ukuba oonyana bethu bayeke ukumoyika uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22