Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wandula uYoshuwa ukuwabiza amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wathi kuwo,

2. Nikugcinile konke, uMoses umkhonzi kaYehova abeniwisele ngako umthetho, naliphulaphula izwi lam ezintweni zonke endiniwisele umthetho ngazo.

3. Anibashiyanga abazalwana benu ezi mini zininzi unanamhla; ke nisigcinile isigxina somthetho kaYehova uThixo wenu.

4. Kaloku uYehova, uThixo wenu, ubaphumzile abazalwana benu, njengoko wathethayo kubo. Kaloku ke jikani, niye ezintenteni zenu, ezweni lelifa lenu, abeninike lona uMoses, umkhonzi kaYehova, phesheya kweYordan.

5. Kodwa gcinani kunene ukuba niwenze umthetho nomyalelo awaniwiselayo uMoses, umkhonzi kaYehova, wokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

6. Wabasikelela uYoshuwa, wabandulula; baya ezintenteni zabo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22