Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 21:41-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Iyonke imizi yabaLevi phakathi kwelifa loonyana bakaSirayeli yaba yimizi engamashumi mané anesibhozo, inamadlelo ayo.

42. Yonke loo mizi ngaminye yaba nedlelo layo ngeenxa zonke; kwaba njalo kuloo mizi yonke.

43. UYehova wawanika ke amaSirayeli lonke ilizwe abelifungele ooyise ukuba wobanika; alihlutha ahlala kulo.

44. UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo.

45. Akuwanga zwi phantsi, emazwini onke alungileyo awawathethayo uYehova kwindlu kaSirayeli; enzeka onke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 21